Xhosa Comedy News

Xhosa Comedy News

Share

Fiction Storyteller πŸŽ™οΈ | Men’s Mental Health Champ πŸ—£οΈ| Drag Race πŸŽοΈπŸ’¨πŸ | IsiXhosa Newscaster πŸ“»

24/04/2025

Lhooooooo nguSis Xakeka intombi yakuMahodi KuGatyane kweliphondo leMpuma Kapa. Lentombi ithi inelishwa kakhulu longahlalwa ndoda kwaye imenzela inkxalabo lonto. Uthi uyakwazi ukupheka, ukuhlamba iimpahla, nokuthobela indoda. Akayazi ingxaki inoba iphi ngoku πŸ’…πŸ˜˜πŸ˜πŸ₯°πŸ’‹πŸ˜»πŸ’„πŸ‘ΈπŸΎπŸ‘©πŸΎβ€πŸ³πŸšπŸ’¦πŸ§½πŸ«§πŸ§΄πŸ§Ό

Intatheli yethu esenzele elinqaku nguLimisinene Xhakathugaga πŸ‘‡

23/04/2025

Lhooooooo nguTa Maqhitala indoda yaseGudlindlu eDutywa kweliphondo leMpuma Kapa. Kuthiwa ugcogce ubuso bentombi yakhe kwelicala libetha intliziyo esifubeni. Elinyathelo sele linwenwe okomlilo wedobo kulelali kwaye neqaqobana lentombi lenza lomkhwa β€οΈπŸ«€πŸ’‰βœοΈπŸŽ¨πŸ©ΈπŸ˜°πŸ™ŠπŸ˜­πŸ‹πŸΎβ€β™€οΈπŸ’¨πŸƒπŸΎβ€β™‚οΈπŸƒπŸΎβ€β™€οΈ

Intatheli yethu esenzele elinqaku nguNomataliyane Phondlilawu πŸ‘‡

22/04/2025

Lhooooooo ngumbono kaSis Nomfulamo waseTshikitsha eNqanqarhu kweliphondo leMpuma Kapa. Kuthiwa uneziko lokulolonga abantu basetyhini kuphela, namajita angekho mdaka angeza. Ugxininisile ukuba amajita angacingi wonke uvobe lona uphandle 😭😭πŸ’ͺπŸ‹πŸΎβ€β™€οΈπŸ‹πŸΏβ€β™‚οΈπŸ‘ŸπŸ€ΈπŸΏπŸ€ΈπŸΎβ€β™€οΈπŸƒπŸΎπŸƒπŸΎβ€β™€οΈπŸƒπŸΎβ€β™‚οΈπŸ’¨πŸ˜₯πŸ˜°βŒ›οΈ

Intatheli yethu esenzele elinqaku nguNomapani Sarhumoya πŸ‘‡

17/04/2025

Lhooooooo nguTa Msunu-Sdumbu indoda yaKwaZibunu KuCentane kweliphondo leMpuma Kapa. Kuthiwa ledyan ibonwe icheba ngocoselelo uTa Qengeba kwaye bekubophile sisanqange. Amajita maninzi avakalise umdla ekuzeni kweliziko πŸ˜­πŸ’ˆπŸ’‡πŸΏβ€β™‚οΈπŸŽ¬πŸ§˜πŸΎβ€β™‚οΈπŸ›€πŸ˜ŽπŸ˜³πŸ€―πŸ™ŠπŸ˜²

Intatheli yethu esenzele elinqaku nguYinyelengamathe Mgudlandlu πŸ‘‡

16/04/2025

Lhooooooo nguSis Nobungangamsha intombi yaKuMbombenkukhu eNgqeleni, kweliphondo leMpuma Kapa. Kuthiwa ucheba intloko amajita ade awarhawuzelele amafokotho, amanye ade akhele inyembezi kuba edunyelwe. Ngelilixa amanye emnika amakhadi ebhanki πŸ’†πŸΎπŸ’†πŸΎβ€β™‚οΈβ˜ΊοΈπŸ˜ŽπŸ§˜πŸΎβ€β™€οΈπŸ§˜πŸΎβ€β™‚οΈπŸ›€πŸ’ˆπŸ·πŸŽ¬πŸ’‡πŸΏβ€β™‚οΈ

Intatheli yethu esenzele elinqaku nguNontothoviyane Hulana πŸ‘‡

14/04/2025

Lhooooooo ngumsitho ubusindlekwe kwindawo yaseUpper Xongora, kweliphondo leMpuma Kapa. Kuthiwa iEsile libonwe lidakasa ezitalatweni, abantu belithe ntsho ngamakhangelo. uNyangelemihla ubonwe etyathe umnqamlezo amarhamente esenza isimbonono πŸ˜­πŸŒΊπŸ’πŸ«πŸ™πŸ€²πŸ§Žβ€β™‚οΈβ€βž‘οΈπŸ§Žβ€β™€οΈβ€βž‘οΈπŸ§ŽπŸΎβ€βž‘οΈπŸ“ΏπŸ›πŸ””β›ͺ️

Intatheli yethu esenzele elinqaku nguMadyongolo Tyhalisisu πŸ‘‡

13/04/2025

Lhooooooo uBhut’Nkwali yindoda yaseNgqusi KuCentane kweliphondo leMpuma Kapa. Uhlala eNyhunyhwini eKapa, ngenxa yesingxungxu asabambe kuso. Kuthiwa akafuni nokubona iphepha phantsi yilonto iintombi zirhoxa xa ebonakalisa umdla wokuzizeka πŸ«§πŸ›€πŸ§ΉπŸ§½πŸ§ΌπŸ§»πŸ§ΊπŸͺ🍳πŸ₯˜β²οΈ

Intatheli yethu esenzele elinqaku nguNobungangamsha NyephikaπŸ‘‡

10/04/2025

Lhooooooo nguTa Romantic Repertoire indoda yaKwaXhelihagu eXolobe, kwidokophu yaseTsomo eMpuma Kapa. Kuthiwa umthanda kakhulu umntu wakhe uSis Maryland. Ude amfunze umphokoqo atye nomthamo wakhe πŸ₯—πŸ½οΈπŸ₯„πŸ₯£πŸ΄πŸ₯’❀️😘😍πŸ₯°πŸ’•β™₯️

Intatheli yethu esenzele elinqaku nguMagqamfana Jizayesomza πŸ‘‡

09/04/2025

Lhooooooo nguTa Rhudulu noTa Mnce amadoda aseMotherwell kweliphondo leMpuma Kapa. Kuthiwa babomwe belebana esikroxweni, bona bayayikhanyela lonto bathi bebenxilile. Lamajita athi wona awathengisi mdiliya ngaphaya komdiya-diya emveni kwentsimbi yethoba ebusuku πŸ‡πŸ˜˜πŸ’‹πŸ˜šπŸ‘¨πŸΏβ€β€οΈβ€πŸ’‹β€πŸ‘¨πŸΏπŸ˜˜πŸ˜πŸ₯°πŸ˜»πŸ€ŸπŸ«ΆπŸ”ͺπŸ—‘οΈ

Intatheli yethu esenzele elinqaku nguNdodenekratshi Qhubinkomo πŸ‘‡

Photos from Xhosa Comedy News's post 08/04/2025

Lhhhhhhhhhoooooo….. ukekelise ikepusi apha nguTa Mayaya nomkhuluwa wakhe πŸ™ŠπŸ™ˆ

Bhala ilali yakho siyenze idume elizweni πŸ‘‚

07/04/2025

Lhooooooo nguSis Nosihika-hika intombi yaseGodidi KuCentane, kweliphondo leMpuma Kapa. Kuthiwa ukhala qhoqhoqho njengoko enyevulelwa zezinye iintombi. Ezinye ziyamkwekwa xa ezilolonga, uthi lonto imenza azive emncinci πŸ’ͺπŸ‹πŸΎβ€β™€οΈπŸ‹πŸΏβ€β™‚οΈπŸ‘ŸπŸ€ΈπŸΏπŸƒπŸΎπŸƒπŸΎβ€β™€οΈπŸ’¨πŸ˜°βŒ›οΈ

Intatheli yethu esenzele elinqaku nguNonkcithakalo Mgodongeva Mkhwitsho πŸ‘‡

06/04/2025

Lhooooooo nguTa Dlangamandla indoda yaKuBangindlala eCacadu kweliphondo leMpuma Kapa. Kuthiwa ufundisa abafana ubunene ingakumbi xa umjita ephume nemedi yakhe. Uthi umjita makanganxwakuzi xa esitya lisikizi elo πŸ˜­πŸ™€πŸ˜ͺπŸ€’πŸ€•πŸ₯—πŸ½οΈπŸ₯£πŸ΄πŸ₯’πŸ₯„πŸ•πŸŸπŸ”πŸ₯€Intatheli yethu esenzele elinqaku nguNomapani Sarhumoya πŸ‘‡

04/04/2025

Lhooooooo nguSis Gigabytes intombi enechokoza elimhlophe ebunzi yaKwaDick eLusikisiki, kweliphondo leMpuma Kapa. Lomntwana uthi uphethwe ngamazantsi esisu kwaye akasayi nasexesheni. Ucela abantu abangosisi bamcebise ukuba athini 😭😒πŸ₯ΊπŸ˜”β˜ΉοΈπŸ˜žπŸ˜•πŸ˜₯πŸ˜ͺπŸ€•πŸ€’

Intatheli yethu esenzele elinqaku nguMhlabundehlule Bharethiyesthipha πŸ‘‡

03/04/2025

Lhooooooo nguSis Nondyandya intombi yaseNgcizele KuCentane kweliphondo leMpuma Kapa. Kuthiwa mhleeee kakhulu kwaye osisi abaninzi barhalela ukubanguye. oMzondi bathi banelunda yintombi yabo πŸ€¦πŸΎβ€β™€οΈπŸ€·β€β™€οΈπŸ’ƒπŸ’πŸ½β€β™€οΈπŸ™‹πŸ½β€β™€οΈπŸ‹πŸΎβ€β™€οΈπŸ§šπŸΎβ€β™€οΈβ€οΈπŸ˜˜πŸ˜πŸ₯°πŸ’•

Intatheli yethu esenzele elinqaku nguSozendikulahle Thembalam Ndawujikwa Nguwe Ngwatyu Yenarh’mani πŸ‘‡

02/04/2025

Lhooooooo nguTa Mash Potato indoda yaKwaGontsi eBhofolo, kweliphondo leMpuma Kapa. Uthandwa kakhulu ngoGaba kwaye zange aphikwe ngabo, yiyo lonto etshayinta. Iintombi zona kuthiwa zisweleka qhoqhoqho xa zimbona πŸ₯”πŸ πŸŸπŸ’ƒπŸ•ΊπŸΎπŸ©°πŸͺ©πŸŽΆπŸŽ€πŸŽΉπŸŽ΅πŸŽ§

Intatheli yethu esenzele elinqaku nguVingcelis’dudla Khabikula πŸ‘‡

01/04/2025

Lhooooooo nguTa Mnyamezeli ngusomashishini aKuMtyamde eCofimvaba, kweliphondo leMpuma Kapa. Kuthiwa uthengisa ulwimi ehlangabenzana nabantu basetyhini kuphela. Kuthiwa elishishini lelona litshatsheleyo kuledolophu, kwaye asimazi unobangela woko πŸ€ͺπŸ˜œπŸ˜πŸ˜›πŸ₯΅πŸ‘…πŸŽ΅πŸŽ»πŸŽΊβ™₯️🎺

Intatheli yethu esenzele elinqaku ngu Tswikilinyo NgcabazegushaπŸ‘‡

31/03/2025

Lhhhhhhhhaaaaaaa ngonosala amakhwenkwe aseLusikisiki eMzintlava, kweliphondo leMpuma Kapa. Ondlekile incuma zingaphandle, kwaye atsha zintambo elindele inyanga yesilimela ukwenzele aye entabeni. Asinike imvuthulula boya ento azakuyenza ngenyanga kaCanzibe xa eguya πŸ’ƒπŸ•ΊπŸΎπŸ©°πŸͺ©πŸŽΆπŸŽ΅πŸŽ€πŸŽΈπŸŽ§πŸ₯πŸŽ»πŸŽΊπŸŽ·

Intatheli yethu esenzele elinqaku nguNontothoviyane Hulana πŸ‘‡

27/03/2025

Lhhhhhhhhoooooo nguSis Nomakorinte intombi yaseButhongweni eNgqeleni kweliphondo leMpuma Kapa. Lomntwana ukhuliswe ngetyalike yiyo lonto wanikwa eligama ukwenzele abengumzekelo nakwabanye. Uthi ishwangusha analo akahlalwa ndoda kwaye lento imenzela inkxalabo πŸ””β›ͺοΈπŸ›πŸ€¦πŸΎβ€β™€οΈπŸ’ƒπŸ’πŸ½β€β™€οΈπŸ™‹πŸ½β€β™€οΈπŸ‹πŸΎβ€β™€οΈπŸ§šπŸΎβ€β™€οΈπŸŒπŸΎβ€β™€οΈπŸ™†πŸΏβ€β™€οΈπŸƒπŸΎβ€β™€οΈ

Intatheli yethu esenzele elinqaku nguDleyiphekuza Batyashe πŸ‘‡

Want your establishment to be the top-listed Arts & Entertainment in Cape Town?
Click here to claim your Sponsored Listing.

Category

Telephone

Address


Cape Town
5400